Xhosa ORS Flashcards
1
Q
Developing rapport
A
- Molo mama. Unjani namhlanje?
{Ewe, molo. Ndiphilile. Unjani, wena gqirha.} - Nam, ndiphilile. Enkosi. Mama, ngubani igama lomtwana wakho?
{NguQhama igama lakhe.} - Yintoni ingxaki yomntwana wakho, namhlanje?
{Akaphilanga, (umntwana wam) gqirha.}
2
Q
General and specific signs and symptoms
A
- Ubone njani ukuba akaphilanga, mama?
{Usoloko elila, akanamandla. Jonga amehlo akhe gqirha, aphakathi.” - Uxolo, mama. Andiqondi kakuhle. Kuthetha ukuthini ukuthi: amehlo akhe aphakathi? Atshonile, mama?
{Ewe, gqirha. Atshonile!} - Uxolo, mama!
{Enkosi, gqirha.}
3
Q
Confirmation of condition and when it started
A
- Uyahambisa umntwana wakho?
{Ewe, gqirha. Uyarhuda/Urhuda kakhulu/ Uyatyatyaza umntwana wam.} - Mama, ithoyilethi yakhe ingamanzi?
{Ewe, gqirha. Ithoyilethi yakhe ingamanzi kakhulu.} - Oo, ndiyabona! Uqale nini ukurhuda kakhulu uQhama.
{Gqirha, uqale kwiintsuku eziyi-3 ezidlulileyo.
4
Q
Oral Rehydration Solution (ORS):
A
Mama, mamela kakuhle, xa umntwana ehambisa kakhulu, yenza umxube weswekile yetyuwa ngolu hlobo:
- Hlamba izandla zakho ngesepha namanzi acocekileyo.
- Hlamba zonke izixhobo ngamanzi acocekileyo.
- Bilisa ilitha yamanzi acocekileyo.
- Galela amatispuni ayi-8 amthebelele eswekile kunye nehafu yetispuni emthebelele yetyuwa.
- Zamisa umxube de zinyibilike.
- Linda umxube uphole.
- Selisa umntwana lo mxube qho, kancinci ngexesha.
Uyaqonda, mama?
5
Q
Conclusion
A
{Oo, ndiyaqonda, ngoku!}
Heke, mama! Sebenzisa eli phepha ukuba uilibele. Hamba kakuhle.
{Enkosi kakhulu, gqirha. Sala kakuhle.}